Kusezolunga nakum.

Kusezolunga nakum.

Share

Uthando lolwimi lwenkobe.🌾
Umbhali ozinikeleyo k*mabali esiXhosa.🖋️
Amabali anentsingiselo kunye nemfundiso ngoko kusingqongileyo siluluntu.🌸

1.

Kusezolunga Nak*m.
2. Ndandicinga Ukuba Ndiyamazi.
3. The Day He Chose Someone Else.
4. She Chose Herself

02/10/2026

She Chose Herself

ISIQENDU 59

NENEKAZI

Ngentsasa elandelayo ndavuka ngaphambi kokuba kuvuke nabani na. Ndahlala ebhedini umzuzwana, ndijonga ngaphandle kwefestile.

Ilanga lalisaqala ukuphuma, lisasaza ukukhanya okuthambileyo phezu kwegumbi. UDaluxolo wayesalele ecaleni kwam. Ndancuma.

Ndandisengayiqhelanga indlela ubomi bam obabutshintshe ngayo. Kudala ndandivuka ndicinga ngezinto endandimele ndizilungise. Ngoku ndandivuka ndicinga ngezinto endandifuna ukuzakha.

Ndaphakama kancinci ndangena bathroom. Emva kokuzilungisa, ndehla ndaya ekhitshini. Kodwa ndathi ndisiya kufikelela kwikomityi yam yekofu, ifowuni yam yangcangcazela phezu kwe-counter.

Ndayijonga. NEW EMAIL. Ndayivula. Ndafunda umyalezo kanye. Ndaphinda ndawufunda.

Ndaza ndahlala phantsi. Kwakukho umntu owayebone umsebenzi wam kwi-exhibition encinci endandikhe ndathatha inxaxheba kuyo. Babefuna ukundimema ukuba ndibonise umsebenzi wam kwi-art event enkulu.

Ndandibambe ifowuni ndingathethi.

Nenekazi: Hayi...

Ndayifunda kwakhona.

"We would love to have you as one of our featured artists."

Intliziyo yam yaqalisa ukubetha ngamandla. Kudala ndandizoba kuba yayiyindlela yam yokuphefumla. Ngoku umntu wayebona ixabiso kuloo nto.

Ndamisa isandla emlonyeni ngelithi,

Nenekazi: Oh my God.

Daluxolo: What's wrong?

Ndatsiba. Ndajika. UDaluxolo wayemi kwizitepsi, iinwele zakhe zisaphazamisekile ngenxa yokulala. Ndamjonga.

Ndaqala ukuhleka.

Nenekazi: Nothing is wrong.

Wahamba esiza k*m.

Daluxolo: That smile says otherwise.

Ndamnika ifowuni. Wafunda i-email. Amehlo akhe aqaqamba.

Daluxolo: Picasso...

Ndamjonga.

Daluxolo: This is huge.

Ndamomotheka.

Nenekazi: I know.

Daluxolo: You got it.

Nenekazi: They invited me.

Daluxolo: Same thing.

Ndaqala ukuhleka.

Nenekazi: I don't even know what to say.

Wandanga.

Daluxolo: Say yes.

Ndamjonga.

Nenekazi: What if I'm not ready?

Ndatsho ndiphakamisa amashiya.

Daluxolo: You're an artist. You don't need to be ready for everything.

Ndatshona kancinci.

Daluxolo: You just need to believe that your work belongs in the room.

Ndathula. La mazwi andichuk*misa.nKuba mna ndandichithe ixesha elininzi ndizibuza ukuba ndiyafaneleka na.

Ngaba ndiyafaneleka ukuthandwa? Ngaba ndiyafaneleka ukuba nomntu ondikhethayo? Ngaba ndiyafaneleka ukuba nephupha?

Ngoku uDaluxolo wayendijonga ngathi impendulo yayicacile kude kudala. Ndamomotheka.

Nenekazi: Okay.

Daluxolo: Okay what?

Nenekazi: I'll say yes.

Wancuma.

Daluxolo: That's my girl.

Ndamtyhala kancinci.

Nenekazi: Don't start.

Wahleka.bNgelo xesha ndeva amazwi avela kwizitepsi.

Lily: Why are you guys laughing?

Sajika sobabini. ULily wayemi apho, ebambe ubhaka wakhe yesikolo. Ndamomotheka.

Nenekazi: I got invited to an art event.

Amehlo akhe avuleka.

Lily: Really?

Nenekazi: Really.

Lily: Are you going to be famous?

Ndahleka.

Nenekazi: I don't know about famous.

ULily wacinga umzuzwana.

Lily: You already are famous to me.

Ndaweva amehlo am egcwala iinyembezi. Ndamvulela iingalo.

Nenekazi: Come here.

Wabaleka weza k*m. Ndamanga. Daluxolo wajonga thina wancuma.

Lily: Can I come to the event?

Nenekazi: Of course.

Lily: And Tata?

Daluxolo: Obviously.

ULily wancuma.

Lily: Then it's a family event.

Ndajonga uDaluxolo. Wandijonga naye, ndancuma.

Mhlawumbi wayenyanisile uLily.
Yayingeyiyo nje i-art event. K*m, yayiyinto endandiza kuyenza nabantu ababendiziva ndikhuselekile nabo.

ESTUDIO

Kamva ngaloo mini, ndafika estudio ndiphethe i-email yam.
Ndahlala phambi kwe-canvas enkulu. Ndandisazi ukuba ndifuna ukuzoba ntoni. Ndafaka i-apron yam. Ndathatha ibrashi, ndaza ndaqalisa.

Kodwa ngeli xesha, ndandingazobi nje umfanekiso. Ndandizoba ibali lam, imibala yentlungu. Imibala yokuphulukiswa. Imibala yothando. Imibala yethemba.

Kwaye embindini... Umfazi omi yedwa. Engabaleki. Engaceli mntu ukuba amkhethe. Emile nje. Eqinile. Ndajonga lo mfanekiso ixesha elide.

Ndathetha ndedwa.

Nenekazi: She chose herself.

Ndancuma. Kwaye ndaqhubeka nokupeyinta. Kuba okokuqala...
Ndandingazobi ngenxa yokuba ndandisophukile. Ndandizoba kuba ndandiphila.

BANTU BOHAMBO LWAM. ANDIYONTO NGAPHANDLE KWENKXASO YENU ♥️♥️

02/10/2026

She Chose Herself

ISIQENDU 58

NENEKAZI

Emva kwesidlo sangokuhlwa, ndanceda uLily ukuba alungise izinto zakhe zesikolo. Wayehleli etafileni, evula iincwadi zakhe ngelixa mna ndandimi ecaleni kwakhe.

Lily: Sisi Nesh?

Nenekazi: Hmm?

Lily: Can you help me with this?

Ndahlala ecaleni kwakhe.

Nenekazi: What are you struggling with?

Wandibonisa umsebenzi wakhe.
Ndamjonga umzuzwana ndaza ndancuma.

Nenekazi: Ah, le yona ilula. Masiyenze kunye.

Lily: Okay.

Saqalisa ukusebenza. Ngamanye amaxesha wayebuza imibuzo, mna ndimphendule. Ngamanye amaxesha wayenza into yakhe aze ajonge k*m ukuze aqinisekise ukuba uyenza kakuhle.

Ndandisamqhelisa yonke le nto.
Ukuba ngumntu omdala okhona for uk*mncedisa. Ukuba ngumntu ambuzayo xa efuna uncedo.

Ndandisazi ukuba andinguye umama wakhe omzalayo. Kodwa uthando alusoloko ludinga igazi. Ngamanye amaxesha ludinga nje ukuba ubekhona, yabonakala njengamntu ungumxhasi omkhulu.

Daluxolo: How's the homework going?

Ndaphakamisa amehlo. UDaluxolo wayemi emnyango, sele etshintshe impahla yakhe yomsebenzi.

Nenekazi: We're almost done.

Lily: I'm done!

Ndahleka.

Nenekazi: You're not done. You still have one question.

ULily wajonga encwadini yakhe.

Lily: Oh.

UDaluxolo wahleka.

Daluxolo: I thought you said you're done?

Lily: I forgot.

Ndamjonga uDaluxolo ndancuma.

Nenekazi: Your daughter.

Daluxolo: Definitely my daughter.

ULily wancuma.

Lily: Tata?

Daluxolo: Yes?

Lily: Can Sisi Nesh come to school with me one day?

Ndathi cwaka umzuzwana.
Ndamjonga. Daluxolo naye wandijonga.

Nenekazi: Mna?

Lily: Yes.

Ndamomotheka.

Nenekazi: Why?

Lily: Because I want my friends to meet you.

Ndayiva intliziyo yam ithamba.

Nenekazi: Of course, baby.

ULily wancuma kakhulu.

Lily: Really?

Nenekazi: Really.

Wandanga.

Lily: You're the best.

Ndahleka ndamanga. Ndaqaphela uDaluxolo esijongile.
Kwakukho into emehlweni akhe endingakwazi ukuyichaza.

Nenekazi: What?

Daluxolo: Nothing.

Nenekazi: You're staring.

Daluxolo: I'm allowed to.

Ndamjonga ndancuma.

Nenekazi: Why?

Wasondela kuthi.

Daluxolo: Because I like seeing you two together.

ULily wancuma.

Lily: We are a team.

UDaluxolo wancuma.

Daluxolo: Yes. You are.

Kwabakho into endiyiva ngaphakathi kulomazwi aphuma kwintombi encinci

"We are a team."

La mazwi ayelula. Kodwa k*m ayethetha lukhulu. Kudala ndandisoloko ndiziva ngathi kufuneka ndilwele indawo yam ebomini bomnye umntu.

Kodwa ngoku ndandihleli apho, ndijonge abantu ababini ababeziva ngathi yinxalenye yobomi bam. Kwaye akukho mntu wayendinyanzela ukuba ndibe lapho. Ndandikhethe ukuba lapho.

KAMVA NGOBOBUSUKU

ULily wayesele elele. Indlu yayithe cwaka. Ndandihleli ebhedini, ndifunda imiyalezo endandiyifumene kwi-studio.

Kwakukho abantu ababebuza ngemizobo yam. Omnye umntu wayefuna uku-oda umsebenzi wam omtsha.

Ndawujonga umyalezo ixesha elide. Ndandingekakholelwa ukuba izinto endandizithanda zazisele ziqala ukuba yinto enkulu ebomini bam.

UDaluxolo waphuma e bathroom, wandijonga.

Daluxolo: Still working?

Nenekazi: Not really.

Wahlala ecaleni kwam.

Daluxolo: What's wrong?

Nenekazi: Nothing.

Wandijonga.

Daluxolo: Picasso.

Ndamjonga.

Nenekazi: Hmm?

Daluxolo: You do that thing.

Nenekazi: What thing?

Daluxolo: You say you're fine when you're thinking too much.

Ndahleka kancinci.

Nenekazi: Maybe I am thinking too much.

Daluxolo: About?

Ndajonga ifowuni yam.

Nenekazi: My studio.

Daluxolo: Good thoughts or bad thoughts?

Ndamjonga.

Nenekazi: Good.

Wancuma.

Daluxolo: Then why are you worried?

Ndathula umzuzwana.

Nenekazi: Because sometimes I still can't believe this is my life.

Wandijonga.

Daluxolo: What do you mean?

Nenekazi: A year ago... I thought my life was over.

Amehlo akhe athamba.

Nenekazi: Ndandicinga ukuba xa umntu endishiya, oko kwakuthetha ukuba andibalulekanga.

Wathatha isandla sam.

Daluxolo: And now?

Ndaphefumla kancinci.

Nenekazi: Now I know better.

Daluxolo: Good.

Ndamjonga.

Nenekazi: But sometimes I still remember how scared I was.

Wacinezela isandla sam.

Daluxolo: You don't have to be scared anymore.

Ndancuma.

Nenekazi: I know.

Wandisondeza kuye.

Daluxolo: And you don't have to prove anything to anyone.

Ndabeka intloko yam esifubeni sakhe.

Nenekazi: I know.

Kwabakho ukuthula. Ndandisiva ukubetha kwentliziyo yakhe. Ngelo xesha ndaqonda into endandiyilibele ixesha elide.
Ukuphiliswa kwakungathethi ukuba ndandingasayi kuphinda ndikhumbule iintlungu.

Kwakuthetha ukuba iintlungu zazingasenawo amandla okulawula ubomi bam.

Ndaphakamisa intloko.

Nenekazi: Myeni wam?

Daluxolo: Hmm?

Nenekazi: Thank you.

Daluxolo: For what?

Ndamomotheka.

Nenekazi: For making this feel like home.

Wandijonga ixesha elide.

Daluxolo: You made it home too.

Ndancuma. Wandiphuza ebunzi.

Kwaye ngaloo busuku, ndalala ndinoxolo. Hayi kuba ndandisazi ukuba ikamva liza kuba njani.
Kodwa kuba ngoku ndandisazi ukuba nokuba ikamva lithini...
andisayi kuphinda ndizilahle mna.

BANTU BOHAMBO LWAM♥️♥️

02/10/2026

She Chose Herself

ISIQENDU 57

NENEKAZI

Kwakusele kugqithe inyanga. Inyanga enye. Kodwa xa ndandijonga emva, kwangathi kudlule ixesha elide. Ubomi bam babutshintshile ngendlela endingazange ndiyicinge.

Ndandingasenguye la Nenekazi wakuqala kodwa ngoku...ndandinguNenekazi Umfazi ka Daluxolo.

Ndandihlala noDaluxolo endlwini yakhe, kunye noLily. Kwaye okokuqala ebomini bam, igama elithi ikhaya lalingasandoyikisi.

Kwakukusasa. Ndavuka ngenxa yevumba lekofu elalivela ekhitshini. Ndalula umzimba ebhedini, ndajonga ecaleni kwam. Indawo kaDaluxolo yayingenamntu. Ndancuma.

Kwakusele kuqhelekile ukuba avuke kuqala. Ndaphakama ndangena ebathroom. Emva kokuzilungisa, ndehla ngezitepsi ndinxibe impahla endandiza kuya ngayo estudio.

Ndathi ndifika ekhitshini, ndafumana uDaluxolo emi phambi kwe-counter, enxibe ihempe emhlophe nebhulukhwe emnyama. Wayejonga ifowuni yakhe ngelixa esela ikofu.

Ndamjonga umzuzwana.
Wayesebusy. Njengesiqhelo ndamanga emqolo.

Nenekazi: Morning, my husband.

Wajika kwangoko.

Daluxolo: Morning, Picasso.

Ndahleka.

Nenekazi: Uyazi ukuba ndiza kusebenza namhlanje.

Daluxolo: I know.

Wandincamisa.

Daluxolo: That's why I made you coffee.

Ndajonga ikomityi eyayiphezu kwe-counter.

Nenekazi: Wena uyandazi.

Ndatsho ngoncumo Luka blanket.

Daluxolo: I should.

Ndamjonga ngoncumo.

Nenekazi: Lily uphi?

Daluxolo: Upstairs.

Nenekazi: Sele evukile?

Daluxolo: She said she's awake.

Ndahleka.

Nenekazi: Which means?

Daluxolo: She's still sleeping.

Ndahleka kakhulu.

Nenekazi: Uyayibaxa ngobuthongo.

Daluxolo: Uyamazi.

Ndamncamisa esidleleni ndaza ndathatha ikofu yam. Ngelo xesha ndeva amazwi evela kwizitepsi.

Lily: Good morning, Sisi Nesh.

Ndajika.

Nenekazi: Morning, Lily.

ULily wehla enxibe uniform yakhe, ephethe ubhaka wakhe.

Lily: Tata, my lunch?

UDaluxolo wajonga mna.

Daluxolo: Your responsibility.

Ndamjonga ndihleka.

Nenekazi: Mine?.

Daluxolo: You are the mother in this house.

Ndamjonga.

Nenekazi: Excuse me?

ULily wahleka.

Lily: Tata!

Daluxolo: I'm joking.

Ndamjonga ngamehlo amancinci.

Nenekazi: You better be.

Wahleka wandanga.

Daluxolo: I packed it already.

ULily wancuma.

Lily: Thank you, Tata.

Wathatha ubhaka wakhe.

Lily: Bye, Sisi Nesh.

Nenekazi: Bye, baby. Have a good day.

Lily: You too.

Waphuma. Ndajonga uDaluxolo.

Nenekazi: Usazi kakuhle.

Daluxolo: Of course.

Wajonga iwotshi yakhe.

Daluxolo: I have to go.

Ndamjonga.

Nenekazi: Already?

Daluxolo: Unfortunately.

Wathatha ibhegi yakhe ye laptop.

Daluxolo: What time will you be home?

Nenekazi: I don't know. I have a lot of work at the studio.

Daluxolo: Don't work too late.

Nenekazi: I won't.

Wandijonga ixesha elide.

Daluxolo: Promise?

Nenekazi: Promise.

Wasondela k*m wandanga.

Daluxolo: See you tonight.

Nenekazi: See you.

Waphuma. Ndema apho umzuzwana, ndimjongile de ucango lwavalwa.

Ndancuma ndedwa. Ubomi bethu babungasoloko busiba perfect. Sasixakekile. Ngamanye amaxesha sasidibana kuphela ekuseni okanye ebusuku.

Kodwa ndandifundile ukuba uthando aluhlali lubonakala ngezinto ezinkulu. Ngamanye amaxesha lwalukwikomityi yekofu. Kukupakisha i-lunch.
Kukubuza ukuba uza kufika nini ekhaya. Ukuthi, "Don't work too late." Kwaye k*m...loo nto yayanele.

ESTUDIO

Ndathi ndifika estudio, ndaziva ndibuyele kwenye indawo endiyithandayo. I-canvas zazimi eludongeni. Iibrashi zazisasazeke phezu kwetafile.

Ipeyinti yayikwicala ngalinye.
Kwakukho imifanekiso endandisasebenza kuyo kunye naleyo ndandisandula ukuyigqiba. Ndabeka ibhegi yam phantsi ndanxiba i-apron yam. Ndema phambi kwe-canvas enkulu. Ndandifuna ukuzoba into eyahlukileyo. Into ezolileyo.

Into enokuthetha ngaphandle kwamagama. Ndathatha ibrashi ndaza ndaqalisa. Kancinci. Stroke after stroke. Umbala emva kombala.

Ngexesha ndandisasebenza, ifowuni yam yakhala. Ndayijonga yayingu Daluxolo. Ndaphendula.

Nenekazi: Hello?

Daluxolo: How's my Picasso?

Ndamomotheka.

Nenekazi: Busy.

Daluxolo: Eating?

Ndajonga ecaleni.

Nenekazi: ...

Daluxolo: Kazi.

Nenekazi: I'll eat now.

Daluxolo: I knew it.

Ndaqhwanyaza.

Nenekazi: Wena uyasebenza okanye ugade mna?

Ndatsho ndihleka.

Daluxolo: Both.

Ndamomotheka.

Daluxolo: I just wanted to hear your voice.

Ndathula umzuzwana.

Nenekazi: Ndiyakukhumbula.

Kwakuthe cwaka kwelinye icala.

Daluxolo: Say that again.

Ndandula ukuhleka.

Nenekazi: Hayi.

Daluxolo: Please?

Nenekazi: Go back to work.

Daluxolo: I love you.

Ndamomotheka.

Nenekazi: Love you too.

Savalelisana. Ndabeka ifowuni phantsi. Ndaphinda ndajonga i-canvas.

Kodwa ngoku ndandincumile. Mhlawumbi uthando lwaluyakwazi nokwenza imibala ibonakale ngcono.

Ngorhatya, ndafika endlwini ndidiniwe. Ndathi ndivula ucango, ndeva izandi zokuhleka. ULily wayehleli esofeni noDaluxolo. Babebukele Tv.

ULily wathi akundibona wakhwaza.

Lily: Sisi Nesh!

Ndahleka.

Nenekazi: Hi!

Wabaleka weza k*m. Ndamanga.

Lily: You are late.

Nenekazi: I know.

Daluxolo: I told you not to work too late.

Ndajonga kuye.

Nenekazi: Andikho late kakhulu kodwa.

Daluxolo: It's almost eight.

Nenekazi: See? Not late.

Waphakamisa amashiya.

Daluxolo: Come here.

Ndamjonga.

Nenekazi: Why?

Daluxolo: Just come.

Ndasondela kuye. Wanditsala ndahlala ecaleni kwakhe.

Daluxolo: You smell like paint.

Nenekazi: That's because I'm an artist.

Wancuma.

Daluxolo: I know.

ULily wajonga thina.

Lily: Can we eat now?

Samjonga sobabini. Ndahleka.

Nenekazi: Yes, baby.

Ndaphakama ndaya ekhitshini.
Kwaye xa ndandilungiselela ukutya, ndeva uDaluxolo noLily behleka egumbini lokuhlala. Ndama umzuzwana. Ndancuma.

Eli yayiyikhaya lam elitsha endilakhaya. Hayi ngenxa yokuba yonke into yayigqibelele. Kodwa ngenxa yokuba ndandiziva ndikhuselekile. Ndandithandwa.

Ndandinomsebenzi endiwuthandayo. Ndandinendoda endithandayo. NdandinoLily. Kwaye ndandingazivi ngathi kufuneka ndilwele indawo yam. Ndandiyifumene. Ikhaya.

Kwaye mhlawumbi yiloo nto kanye endandiyifuna emva kwayo yonke into endandidlule kuyo. Hayi ubomi obungenazinkathazo.
Kodwa ubomi endandingasoyiki ukubuphila.

ZITHANDWA ZAM ♥️

Photos from Zulu Novels By MaNdabezitha.'s post 29/09/2026

♥️

28/09/2026

SHE CHOSE HERSELF

ISIQENDU 56

NENEKAZI

Ndalandela uMaMathanzima ukuya ekhitshini. Andizange ndithethe kakhulu. Mhlawumbi kuba ndandingafuni ukonakalisa loo mzuzu.

Wayemi phambi kwekhabhathi, evula iingcango enye emva kwenye.

MaMathanzima: Ezi ziikomityi ezisetyenziswa mihla le.

Ndajonga ngaphakathi.

Nenekazi: Zininzi.

Wandijonga.

MaMathanzima: Kwaye?

Nenekazi: Hayi... bendicinga nje.

MaMathanzima: Ucinga kakhulu.

Ndahleka kancinci.

Nenekazi: Ndiyazi.

Wathatha iikomityi ezimbini wazibeka phezu kwetafile.

MaMathanzima: Le uyibeke apha. Ezinye zihlala apha.

Ndathatha enye.

Nenekazi: Okay.

Kwathi cwaka umzuzwana. Ndandisazibuza ukuba kutheni le nto incinci kangaka yayivakala inkulu k*m. Mhlawumbi kuba kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ndandingaqinisekanga nokuba ndiza kuze ndive ndikhululekile kule ndlu.

Ngoku uMaMathanzima wayendibonisa apho kugcinwa khona izinto. Kwakungeyonto inkulu. Kodwa k*m yayiyinto enkiulu.

MaMathanzima: Nenekazi.

Ndamjonga.

Nenekazi: Ewe Ma?

MaMathanzima: Ungoyiki ukuhlala apha.

Ndamjonga ixesha elide.

Nenekazi: Andoyiki.

Wancuma kancinci.

MaMathanzima: Uyoyika.

Ndahleka.

Nenekazi: Mhlawumbi kancinci.

Wajonga phantsi.

MaMathanzima: Ndiyazi ukuba izinto ezininzi zenzekile.

Ndathula.

MaMathanzima: Kwaye ndiyazi ukuba bendingasoloko ndisenza izinto ukuba zibe lula kuwe.

Ndamjonga, kodwa andizange ndiphendule.

MaMathanzima: Andiceli ukuba undilibale.

Ndaqhwanyaza.

MaMathanzima: Ndicela nje...ukuba undinike ixesha.

Ndaphefumla nzulu.

Nenekazi: Ndiza kukunika.

Wandijonga.

Nenekazi: Kodwa nawe kufuneka undinike ixesha.

Wancuma.

MaMathanzima: Deal.

Ndancuma.

Nenekazi: Deal.

Ngelo xesha ndeva ilizwi likaDaluxolo lisuka kwigumbi lokuhlala.

Daluxolo: Mfazi wam!

Ndajonga ngasemnyango.

Nenekazi: Myenam?

Daluxolo: Come here.

MaMathanzima wahleka.

MaMathanzima: Uyabona?

Ndamjonga.

Nenekazi:Intoni?

MaMathanzima: UDaluxolo.

Wancuma.

MaMathanzima: Akakwazi nokuhlala imizuzu emihlanu ngaphandle kwakho.

Ndaziva iintshiyi zam zinyuka.

Nenekazi: Hayi, Ma...

MaMathanzima: Yiya.

Ndahleka ndaza ndaphuma ekhitshini.

DALUXOLO

Ndathi ndifika kuye, wayemi kufuphi nesofa.

Nenekazi: Ubundibizela ntoni?

Wandijonga nje.

Daluxolo: Nothing.

Ndamjonga ndingakholelwa.

Nenekazi: Dalu!

Wahleka.

Daluxolo: Ndifuna ukukubona nje.

Ndamjonga ixesha elide.

Nenekazi: Uyayazi ukuba uyacaphukisa?

Daluxolo: You love me.

Nenekazi: Who told you that?

Wasondela k*m.

Daluxolo: You did.

Ndamtyhala kancinci esifubeni.

Nenekazi: Akhange.

Daluxolo: Your eyes did.

Ndazama ukungancumi.
Wabamba isandla sam.

Daluxolo: Come.

Nenekazi: Where?

Daluxolo: Ndifuna ukukubonisa into.

Wanditsala kancinci.

Nenekazi: Daluxolo, intoni?

Daluxolo: Just trust me.

Ndalandela yena. Saphuma sangaphandle kwakhona. Wayehamba phambi kwam de saya kufika ecaleni kwemoto yakhe.

Wajika wajonga k*m.

Daluxolo: Close your eyes.

Nenekazi: Hayi.

Daluxolo: Nenekazi.

Nenekazi: Andikuthembi.

Wabeka isandla esifubeni sakhe.

Daluxolo: After everything?

Ndahleka.

Nenekazi: Okay.

Ndivale amehlo. Ndamva evula ucango lwemoto.

Nenekazi: Daluxolo...

Daluxolo: Just wait.

Emva kwemizuzwana embalwa, wandibamba ngesandla.

Daluxolo: Open.

Ndavula amehlo. Ndabona ibhegi encinci emnyama esihlalweni.

Ndamjonga.

Nenekazi: Yintoni le?

Daluxolo: Open it.

Ndavula ibhegi. Ngaphakathi kwakukho ibhokisi encinci. Ndajonga kuye.

Nenekazi: Daluxolo...

Wancuma.

Daluxolo: Open it.

Ndavula ibhokisi. Kwakukho necklace entle. Kwakukho pendant encinci emile okwentliziyo.

Ndaphefumla nzulu.

Nenekazi: Why?

Daluxolo: Because I wanted to give you something.

Ndamjonga.

Nenekazi: I already have a ring.

Daluxolo: I know.

Wathatha le necklace wayikhupha ebhokisini.

Daluxolo: This isn't to replace it.

Wajonga emehlweni am.

Daluxolo: It's just a reminder.

Nenekazi: Of what?

Wancuma.

Daluxolo: That you're loved.

Amehlo am aqala ukuzalisa iinyembezi. Ndamjonga ndizama ukungakhali.

Daluxolo: Hey.

Wasondela k*m.

Daluxolo: Don't cry.

Nenekazi: I'm not crying.

Daluxolo: You're literally crying.

Ndahleka ndicime iinyembezi.

Nenekazi: Shut up.

Wahleka. Emva koko wajika wandijikisa kancinci, wandifaka i-necklace entanyeni. Iminwe yakhe yachuk*misa intamo yam kancinci.

Daluxolo: There.

Ndachuk*misa le pendant.

Nenekazi: It's beautiful.

Daluxolo: Not as beautiful as you.

Ndamjonga.

Nenekazi: You really don't get tired?

Daluxolo: Of you?

Wancuma.

Daluxolo: Never.

Ndancuma. Ndabeka intloko yam esifubeni sakhe. Wandanga.

Kwaye okomzuzwana...andizange ndicinge ngoLuvuyo. Andizange ndicinge ngoAmanda. Andizange ndicinge ngezinto ezazikhe zandophula.

Ndacinga nje ngalo mzuzu. Ngathi mhlawumbi...mhlawumbi ubomi babungandithathi yonke into. Mhlawumbi emva kokundilahlekisela kakhulu...
Babundifundisa indlela yokwamkela into entle ngaphandle kokoyika ukuba nayo iza kundishiya.

NARRATOR

Ngaphakathi endlwini, uMaMathanzima wayesebajongile kwifestile. Wayengazi ukuba uDaluxolo wayethenge ntoni.
Wayengazi nokuba bathetha ngantoni.

Kodwa wayebona uncumo lukaNenekazi. Kwaye okokuqala...
Wayengazami ukulucima. Wayebavumela ukuba bonwabe. Mhlawumbi ukwamkela uNenekazi kwakungayi kwenzeka ngobusuku obunye.

Kodwa mhlawumbi intliziyo yakhe yayisele iqalile ukuthamba. Kwaye ngaphandle, uDaluxolo wayesabambe uNenekazi. Engazi ukuba ngaphakathi endlwini...
umntu owayekhe waba ngumqobo phakathi kwabo wayeqala kancinci ukubanika indawo.

Kuba ngamanye amaxesha... uthando aludingi wonke umntu ukuba avumelane nalo ngaxeshanye. Lufuna nje umntu omnye aqale athi

"Ndiza kuzama."

Kwaye mhlawumbi...uMaMathanzima wayesandula ukuqala ukuzama.

BANTU BOHAMBO LWAM♥️

28/09/2026

She Chose Herself

ISIQENDU 55

NENEKAZI

Emva kokuba ndihleli ngaphandle noDaluxolo, ndaziva ngathi umoya wawusele ulula. Mhlawumbi kwakungenjalo.
Mhlawumbi yayiyintliziyo yam eyayisele ifundile ukuba ayisafuni ukulwa yonke into.

UDaluxolo wayesahleli ecaleni kwam, isandla sakhe sibambe esam.

Daluxolo: Ucinga ntoni?

Ndamjonga.

Nenekazi: Nothing.

Waphakamisa amashiya.

Daluxolo: Nothing?

Nenekazi: Nothing.

Daluxolo: Nenekazi...

Ndahleka.

Nenekazi: Okay. Ndicinga ngawe.

Wancuma.

Daluxolo: Ngam?

Nenekazi: Ewe.

Daluxolo: What about me?

Ndamjonga umzuzwana ngaphambi kokuba ndincume.

Nenekazi: Ukuba wawusoloko unje.

Daluxolo: Njani?

Nenekazi: Uthanda ukundikhusela.

Wancuma.

Daluxolo: Maybe.

Nenekazi: Kwaye uyandiphazamisa.

Daluxolo: That's also part of my job.

Ndahleka.

Nenekazi: Kodwa ndiyabulela.

Wathula umzuzwana.

Daluxolo: Nantsi into endingafuni uze uyilibale.

Ndamjonga.

Daluxolo: Akukho mntu kufuneka akwenze uzive ngathi uthatha indawo yomnye umntu.

Ndatsho ndiphefumla nzulu.

Nenekazi: Andizami ukuthatha indawo yamntu.

Daluxolo: Ndiyazi.

Nenekazi: Kwaye andifuni nokuba yena azive ngathi ndiyazama.

UDaluxolo wajonga k*m ixesha elide.

Daluxolo: That's why I love you.

Ndamjonga ndingalindelanga.

Nenekazi: What?

Daluxolo: Because you still care about how everyone feels.

Ndancuma kancinci.

Daluxolo: Kodwa ngoku kufuneka ufunde nokuzikhathalela.

Ndamjonga.

Nenekazi: Ndiyazama.

Daluxolo: Hayi.

Wancuma.

Daluxolo: Uyafunda.

Ndancuma.

Nenekazi: Mhlawumbi.

Waphakamisa isandla sam, wancamisa iring.

Daluxolo: One day you'll look at this ring and forget all the fear you had when you first wore it.

Ndaqhwanyaza.

Nenekazi: I hope so.

Daluxolo: You will.

Kwakuthe cwaka. Ndabeka intloko yam egxalabeni lakhe. Kwaye ngelo xesha, ndaziva ndikhuselekile.

Hayi kuba izinto zazigqibelele.
Kodwa kuba ndandingasazihambeli ndedwa. Ndandihamba nomlingani wam.

NARRATOR

Ngaphakathi endlwini, uMaMathanzima wayemi ngasefestileni. Wayebajongile.
UNenekazi wayehleli ecaleni kukaDaluxolo, intloko yakhe isegxalabeni lakhe.

Wayebona indlela uDaluxolo awayemjonga ngayo. Kwakungekho kunyanzeliswa.
Kwakungekho ngathi wayezama ukubonisa usapho ukuba ukhethe bani. Kwakubonakala nje ukuba wayemthanda ngenene nangenyaniso.

Kwaye mhlawumbi yiloo nto eyayibuhlungu kakhulu kuMaMathanzima. Kuba uthando lukaDaluxolo lwalungamvumeli ukuba aphathe uNenekazi ngendlela awayefuna ngayo.

Waphefumla nzulu waza wemka efestileni.

NENEKAZI

Emva kwexesha ndabuyela ngaphakathi. Ndathi ndingena, uMaMathanzima wandijonga. Ndacinga ukuba uza kuthetha into ebuhlungu kwakhona.
Kodwa akazange. Wajonga iring yam.

MaMathanzima: Intle.

Ndathe cwaka. Ndandingaqinisekanga nokuba ndivile kakuhle.

Nenekazi: Andiva Ma...?

Wandijonga.

MaMathanzima: Ndithe intle.

Ndajonga iring yam.

Nenekazi: Thank you.

Wajika waya ekhitshini.

MaMathanzima: Ungayilahli or uyikhuphe.

Ndancuma kancinci.

Nenekazi: Andizukuyilahla.

Wema umzuzwana.

MaMathanzima: Daluxolo uyakuthanda.

Ndaphakamisa amehlo. Kwakungathi amazwi lawo avakala ngokukhawuleza.

MaMathanzima akazange andijonge.

MaMathanzima: Andazi ukuba ndiza kukwazi nini ukwamkela yonke le nto.

Wathula.

MaMathanzima: Kodwa...ndiyabona.

Ndaphefumla.

Nenekazi: Mama...

Wajonga k*m ngoko nangoko.

MaMathanzima: Ungandibizi njalo.

Ndahleka kancinci.

Nenekazi: Ndiyaxolisa.

Kwaye okokuqala, naye wancuma kancinci.

MaMathanzima: Yiza. Ndikubonise apho kugcinwa khona iikomityi.

Ndamjonga ndimangalisiwe.

Nenekazi: Okay.

Ndalandela yena ukuya ekhitshini.
Kwaye mhlawumbi...
Mhlawumbi yayiyindlela encinci yokuqala kwakhona. Hayi uthando.Hayi ukwamkelwa ngokupheleleyo. Kodwa ithuba. Kwaye nam ndandingasayi kulinyanzela. Ndandiza kulinda.

NARRATOR

Kuba ngamanye amaxesha usapho alwakhiwa ngosuku olunye. Ngamanye amaxesha lwakhiwa zizinto ezincinci.
Ilizwi elithambileyo. Isandla esingasatyhalwanga kude.
Kwaye mhlawumbi, kwindlu apho uNenekazi wayekhe waphuka khona... kwakuzalwa ikhaya elitsha. Kancinci. Ngexesha. Ngothando.

BABHEM ❤️

16/09/2026

SHE CHOSE HERSELF

ISIQENDU. 54

NENEKAZI

Ngentsasa elandelayo ndavuka ndineemvakalelo endingazange ndizive ixesha elide. Ndandisazi ukuba namhlanje ndandivuka ndiyinto eyahlukileyo. Hayi kuba igama lam litshintshile. Hayi kuba iring yayisemnweni wam.

Kodwa kuba ngezolo usapho lukaDaluxolo lwalufikile ekhaya lucela mna. Kwaye namhlanje...
Ndandisiya kwaMathanzima.
Hayi njengomfazi kaLuvuyo.
Kodwa njengomfazi kaDaluxolo.

Ndahlala ebhedini ndijonga iring yam. Ndancuma.

"Nantsi ke le nto bendiyoyika."

Ndazithethela ndedwa.

"Ukubuyela kwaMathanzima."

Kodwa ngoku ndandingasasiva isisu sam sibotshwa luloyiko. Kwakukho uloyiko oluncinci, ewe. Kodwa ngaphakathi kwam kwakukho uxolo.

Ndaphakama ndalungisa izinto zam. Xa ndiphuma egumbini, uMama wayesele ehleli phantsi.
Wathi akundibona wancuma.

Mama: Ulele?

Nenekazi: Kancinci.

Mama: Uyoyika?

Ndahleka kancinci.

Nenekazi: Kancinci.

Zipho, owayehleli ecaleni kwakhe, wangena kwincoko.

Zipho: Kancinci? Ndithe xa ndikuvusa ekuseni ubujonge iring yakho imizuzu emihlanu.

Ndamjonga.

Nenekazi: Zipho!

Wahleka.

Zipho: Ndikubonile nje.

UMama naye wahleka.

Mama: Hamba ke, Makoti.

Ndamjonga.

Nenekazi: Mama...

Mama: Yintoni?

Nenekazi: Ungandibizi njalo.

Mama: Kutheni?

Nenekazi: Ndisaqhelana nayo.

UMama wancuma.

Mama: Uza kuyiqhela. Ungu Makoti wakwa Mathanzima kaloku ngoku sisi.

Wandibamba ngesandla.

Mama: Kodwa khumbula le nto.

Ndamjonga.

Mama: Ungakulinge uvumele umntu akwenze uzive ngathi awufanelanga ukuba pha.

Ndaphefumla nzulu.

Mama: UDaluxolo ukhethe wena. Wena wamkhetha. Iintsapho zithethile. Ilobola igqityiwe.

Wancuma.

Mama: Ngoku yiya apho ungena khona ungumfazi okhethiweyo.

Ndancuma.

Nenekazi: Ndiza kuzama.

Mama: Hayi.

Wandijonga nqo emehlweni.

Mama: Awuzami. Uyahamba.

Ndahleka.

Nenekazi: Okay, Mama.

Zipho: Nantsi ke ntombi!

Sahleka sonke.

NARRATOR

Kungekudala, imoto kaDaluxolo yafika. UNenekazi waphuma endlwini. Kodwa ngeli xesha kwakungekho ndlela yokuba angaphumi.

Wayesele eyinxalenye yosapho. Wayengumfazi owayeceliwe. Wayengumfazi owayelindelwe. Kwaye namhlanje wayeza kungena kwaMathanzima ngendima entsha.

UDaluxolo waphuma emotweni wamvulela ucango.

Daluxolo: Morning, Mfazi wam.

UNenekazi wamjonga.

Nenekazi: Uza kundibiza ngolo hlobo yonke imihla?

Daluxolo: Ewe.

Nenekazi: Hayi ke.

Daluxolo: Too late.

Wahleka. Wangena emotweni.
UDaluxolo wajikeleza wangena kwicala lakhe.

Phambi kokuba aqale ukuqhuba, wamjonga.

Daluxolo: Nervous?

Nenekazi: A little.

Daluxolo: Look at me.

Wajonga kuye.

Daluxolo: Namhlanje awuyi phw ukuze ufumane imvume yokuba khona.

Wabamba isandla sakhe.

Daluxolo: Sele ungowapha.

UNenekazi wancuma.

Daluxolo: And if anyone forgets that...

Wafinga iintshiya.

Nenekazi: Then?

UDaluxolo wancuma kancinci.

Daluxolo: Ndiza kubakhumbuza.

Nenekazi: Daluxolo...

Daluxolo: Mhhh?

Nenekazi: Don't fight everyone for me.

Wahleka.

Daluxolo: I can't promise that.

Nenekazi: Why?

Daluxolo: Because you're my wife.

Ndamjonga.

Nenekazi: We are not married yet.

Daluxolo: In my heart, we are.

Ndancuma.

Nenekazi: Uyakwazi ukundiphambanisa.

Daluxolo: That's part of my job.

NENEKAZI

Xa safikayo kwaMathanzima, ndayiva intliziyo yam ibetha kancinci.

Ndajonga indlu. Le ndlu yayikhe yaba likhaya lam. Le ndawo yayikhe yaba yimbangela yokuwa kwenyembezi zam. Kodwa namhlanje...ndandijonge yonke loo nto ngamehlo omntu omtsha.

UDaluxolo wehla emotweni. Wandivulela ucango. Ndisahleli apho, wandinika isandla.

Daluxolo: Come.

Ndabamba isandla sakhe.
Ndaphuma. Sangena endlini kunye. Abantu abambalwa babkhona.

UMaMathanzima wayehleli esitulweni. Wathi akusibona, ubuso bakhe batshintsha. Amehlo akhe ajonga k*m. Emva koko wajonga kuDaluxolo.

Kwakucacile ukuba wayengekakulungeli ukuyamkela lula le nto.

MaMathanzima: Nantsi ke.

Ndathula.

Daluxolo: Mama.

MaMathanzima: Ubuye nayo.

UDaluxolo wajonga kuye.

Daluxolo: Hayi.

Wabamba isandla sam ngikuqinileyo.

Daluxolo: Ubuye nam.

Kwakuthe cwaka.

MaMathanzima: Bendicinga ukuba uyazi ukuba le ndlu...

Wamphazamisa.

Daluxolo: Yindlu yosapho lwethu.

MaMathanzima: Kodwa yena wayekhe wangena apha njengo mfazi kaLuvuyo.

Ndandiweva amazwi lawo. Kodwa andizange ndithethe. UDaluxolo wajonga k*m kuqala. Emva koko wajonga k*mama wakhe omncinci.

Daluxolo: Wayengumfazi kaLuvuyo.

Kwakuthe cwaka.

Daluxolo: Kodwa ngoku ngumfazi wam.

UMaMathanzima waphefumla nzulu.

MaMathanzima: Izinto azitshintshi lula ngolo hlobo, Daluxolo.

Daluxolo: Ndiyazi.

Wajonga kuye.

Daluxolo: Kodwa indlela omphatha ngayo kufuneka itshintshe.

UMaMathanzima akazange aphendule.

Ndaziva ndifuna ukuthetha.

Nenekazi: Mama...

UMaMathanzima wandijonga.

MaMathanzima: Ungandibizi ngoMama.

Kwakubuhlungu. Kodwa ndandikulindele. Ndaphefumla.

Nenekazi: Ndiyaxolisa.

UMaMathanzima: Akukho nto uyixoliselayo.

Waphakama.

MaMathanzima: Kodwa ungacingi ukuba kuba ilobola ithethiwe izinto sele zilungile phakathi kwethu.

Ndathula. Ndeva isandla sikaDaluxolo sibamba esam. Ndajonga kuye. Zange athethe.
Kodwa ndandisazi ukuba wayemi nam.

MaMathanzima: Luvuyo...

Ilizwi lakhe latshintsha.

MaMathanzima: Lo mzi wawungowakhe xa wayekunye nawe.

Ndaphakamisa amehlo. UMaMathanzima wajonga k*m.

MaMathanzima: Andikakulibali oko kwenzeka.

Daluxolo: MaMathanzima...

MaMathanzima: Besendithetha nje.

Daluxolo: Kodwa le nto uyithethayo ayilunganga.

Kwangena omnye umntu endlwini. Yayingu Luvuyo. Wema xa esibona. Amehlo akhe aqala k*m. Emva koko ajonga isandla sam esibanjwe nguDaluxolo.

Luvuyo: Nenekazi.

Ndanqwala nje.

Nenekazi: Ewe.

UMaMathanzima Wandijonga ukusuka entloko ukuya ezinyaweni.

Mamathanzima: Kodwa eli khaya...

Daluxolo: Likhaya losapho lwam.

Wathula umzuzwana.

Daluxolo: Kwaye xa umfazi wam esiza apha, uza kwamkeleka.

ULuvuyo wancuma kancinci.

Luvuyo: Usakhumbula ukuba le yindlu yakwaMathanzima, right?

UDaluxolo wajonga kuye.

Daluxolo: Ndikhumbula kakuhle.

UDaluxolo wasondeza mna kuye.

Daluxolo: Yiyo loo nto ndiza kuqinisekisa ukuba akukho mntu umenza azive engafunwa.

ULuvuyo wajonga k*m.

Luvuyo: Akukho mntu uthe akafunwa.

Daluxolo: Indlela abantu abathetha ngayo ngamanye amaxesha iyathetha.

Kwakuthe cwaka. UMaMathanzima wajonga ecaleni

MaMathanzima: Hlalani ke.

UDaluxolo wandijonga.

Daluxolo: Masihlale.

Ndahlala ecaleni kwakhe.

NARROTOR

Kwakungekho lula. Kwakukho ukungakhululeki. Kwakukho izinto ezazisengatshongo. Kodwa okokuqala, uNenekazi zange ahlale apho esoyika ukuba uza kugxothwa. Wahlali apho ezama ukungena kwindawo yakhe.

Wayengahlali apho efuna uthando lukaMaMathanzima.
Wayehleli apho kuba ngoku wayeyinxalenye yosapho lukaDaluxolo. Kwaye uDaluxolo wayeqinisekisa ukuba wonke umntu uyayiqonda loo nto.

NENEKAZI

Emva kwexesha, ndaphakama ndaya ekhitshini. Ndandifuna nje amanzi. Ndithe xa ndithatha iglasi, ndeva ilizwi emva kwam.

MaMathanzima: Usafuna ukuziphatha njengomntu walapha?

Ndajika. MaMathanzima wayemi emnyango.

Nenekazi: Bendizokusela amanzi kuphela.

MaMathanzima: Ndithethile nje.

Ndathula.

MaMathanzima: Ungandijongi ngolo hlobo.

Nenekazi: Andikujongi ngandlela ithile.

MaMathanzima: Uyazi ukuba yintoni endenza ndibe nomsindo?

Ndaginya.

Nenekazi: Yintoni?

MaMathanzima: Kukuba yonke into yenzeka ngokungathi akukho nto yakha yenzeka.

Ndathula. Ndaqonda ukuba wayesathetha ngobomi bam noLuvuyo.

Nenekazi: Mama...ndiyazi ukuba zininzi izinto ezenzekileyo.

MaMathanzima: Sukundibiza ngoMama.

Ndanqwala.

Nenekazi: Ndiyazi.

MaMathanzima: Kwaye andilindelanga ukuba undiqonde.

Nenekazi: Andizukunyanzeli.

Wandijonga.

Nenekazi: Kodwa ndicela nje undinike ithuba.

Kwakuthe cwaka. UMaMathanzima akazange aphendule. Wajika wemka. Ndahlala ndijonge iglasi esandleni sam. Ndaphefumla.

Ndazixelela ukuba... Kulungile. Akusayi kulunga ngosuku olunye.

NARRATOR

Kodwa kukho into uMaMathanzima awayengayiqondi. UDaluxolo wayengazanga kufika ukuze athathe indawo kaLuvuyo.
Wayengazanga kufika ukuze acime ixesha elidlulileyo. Wayefike ukuze akhe elinye ixesha.

Kwaye wayengenakuvumela nabani na ukuba asebenzise ixesha elidlulileyo ukwenzakalisa umfazi wakhe kwakhona.

NENEKAZI

Ndathi xa ndibuyela e dinning room, ndabona uLuvuyo noDaluxolo bethetha. Ndema ndamamela.

Luvuyo: You don't have to defend her every second.

UDaluxolo wajonga kuye.

Daluxolo: I know.

Luvuyo: Then let her deal with things herself.

UDaluxolo: She has dealt with enough.

ULuvuyo wathula.

Daluxolo: And I'm not defending her because she's weak.

Wajonga kuye ngqo.

Daluxolo: I'm standing beside her because she's my wife.

Luvuyo: You really love her.

UDaluxolo akazange athandabuze.

Daluxolo: More than you think.

Ndema apho ndingazi nokuba ndingene okanye ndibuyele ekhitshini. UDaluxolo wandibona. Wancuma.

Daluxolo: Come here.

Ndasondela. Wanditsala ecaleni kwakhe.bLuvuyo wajonga ecaleni.
Kwakukho umzuzu apho ndabona khona ukuba naye wayeqonda ukuba izinto zitshintshile.

Andisenguye umfazi wakhe. Andisenguye umntu oma phambi kwakhe elindele ukuba andikhethe. Ndingumfazi okhethiweyo ngomnye umntu.

NARRATOR

Ngelo xesha ku MaMathanzima, kwakungekho lula kuye ukubona uNenekazi esiza kwakhona kuloo mzi. Kodwa eyona nto yayimcaphukisa yayingekuko nje ukubuya kukaNenekazi.

Yayikukuba uDaluxolo wayengamvumeli nabani na ukuba amphathe ngendlela awayekade ephathwa ngayo ngaphambili.

UMaMathanzima wasondela.

MaMathanzima: Daluxolo.

Daluxolo: Mhhh?

MaMathanzima: Andicingi ukuba kufuneka ube so defensive.

Daluxolo: Andikho defensive.

MaMathanzima: You are.

Daluxolo: MaMathanzima.

Wajonga kuye.

Daluxolo: Ndiza kuba clear kanye.

Daluxolo: Nenekazi akazanga apha ukuza kuthatha nto kuwe.

MaMathanzima: Anditshongo...

Daluxolo: Kodwa indlela omjonga ngayo ithetha lukhulu.

Daluxolo: Yeka uk*menza azive ngathi kufuneka azikhusele.

Wajonga k*m.

Daluxolo: She belongs here

Ndaqhwanyaza. Lomagama...
"She belongs here." andichuk*misa ngendlela endingazange ndiyilindele.

Emva kwexesha ndaphuma ngaphandle. UDaluxolo wandilandela.

Daluxolo: Kazi.

Ndamjonga.

Nenekazi: Mhhh?

Daluxolo: Oko uthule uthe cwaka.

Nenekazi: Ndiyacinga.

Daluxolo: About?

Ndancuma kancinci.

Nenekazi: Ukuba ndiza kuze ndiyiqhele le ndawo.

Wema ecaleni kwam.

Daluxolo: Awunyanzelekanga ukuba uyiqhele namhlanje.

Ndamjonga.

Daluxolo: Kwaye awunyanzelekanga ukuba uthandwe ngumntu wonke namhlanje.

Ndancuma.

Daluxolo: Yonke into iza ngexesha layo.

Nenekazi: Kodwa what if uMaMathanzima angangandamkeli kwaphela?

Wandijonga.

Daluxolo: Then I'll give her time.

Nenekazi: And if she never does?

Wabamba isandla sam.

Daluxolo: Then I'll still love you.

Amehlo am azaliswa ziinyembezi.

Nenekazi: You make everything sound easy.

Daluxolo: Hayi.

Wancuma.

Daluxolo: Ndiyenza ibonakale ngathi asikokuphela kwehlabathi.

Ndahleka.

Nenekazi: Thank you.

Daluxolo: For what?

Nenekazi: For not letting me feel like I'm alone.

Daluxolo: Awusokuze ube wedwa.

Ndamjonga.

Nenekazi: Myeni wam.

Waphakamisa amashiya.

Daluxolo: Again?

Nenekazi: Ungathi awuyithandi.

Wancuma.

Daluxolo: Ndiyayithanda.

Ndahleka.

Daluxolo: Say it again.

Nenekazi: Hayi bo!

Wanditsalela kufutshane.

Daluxolo: Ndiyacela.

Nenekazi: Myeni wam.

Wancuma kakhulu.

Daluxolo: Now that's better.

Ndahleka. Kwaye okokuqala ukusukela oko ndangena kwakhona kwaMathanzima...
Ndandingasaziva ngathi ndibuyele kwixesha elidlulileyo.
Ndandiziva ngathi ndakha into entsha kwindawo endandikhe ndophuka kuyo.

Mhlawumbi uMaMathanzima wayesandicaphukela. Mhlawumbi uLuvuyo wayesafuna ukundibona njengomfazi wakhe wakudala. Kodwa nam ndandingazanga apha ukuze ndibuyise into endayilahlekayo. NdandinguNenekazi. Umfazi kaDaluxolo.

SISENJENJALO BETHUNANA ♥️

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in Cape Town?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Website

Address


Cape Town
7750

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Kusezolunga nakum. posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Subscribe

We will notify you when anything happens in Cape Town.